Ekupheleni *koMhla wokuPhumla ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi, noSalomi, bathenga iziqholo, ukuze baye kuwuqhola umzimba kaYesu. Bona ke bathi, ukuthi chapha kwelanga, kusekusasa kakhulu ngeCawe, baya engcwabeni. Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?” Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni. Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa. Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo. Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.” Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika.
Funda UMARKO 16
Share
Compare All Versions: UMARKO 16:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos