Kwaye kubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini; omnye ngasekunene kwakhe, nomnye ngasekhohlo kwakhe. Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wabalwa nabanxaxha. Bamnyelisa ke abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Yeha, wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu! Zisindise, uhle emnqamlezweni. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngabo kunye nababhali, besithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. uKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemnyelisa. Ke kaloku, lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba. Ngelixa lesithoba wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi, Eloyi, lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na? Inxenye ke yababemi khona yakuva yathi, Niyabona, ubiza uEliya. Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khaniyeke; Makhe sibone ukuba uEliya uza kumthula na. Wadanduluka ngelizwi elikhulu uYesu, wawunikela umoya wakhe. Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi. Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo. Kwakukho ke nabafazi, bekhangele bemgama; phakathi kwabo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome; ababesithi, oko ebeseGalili, bamlandele, bamlungiselele; kwanabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem. Ke kaloku, kwakuhlwa, ngokuba kwakuyimini yokulungiselela, oko kukuthi, umhla ongaphambi kwesabatha, kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile. Ekwazile ke kumthetheli-khulu, wawunikela uYosefu umzimba. Yena, ethenge ilinen ecikizekileyo, wamthula, wamsongela kwilinen entle; wamlalisa engcwabeni elixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba. Babona ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, apho wayebekwe khona.