UMARKO 15:27-47
UMARKO 15:27-47 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe. Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho. Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, uhle emnqamlezweni. Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye phakathi kwabo, benababhali, babesithi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. UKristu,• uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemngcikiva. Ke kaloku lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba. Ngalo ilixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! undishiyeleni na? Inxenye yababemi khona yakuva yathi, Yabonani, ubiza uEliya. Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khanenze kuhle, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na. Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo. Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi. Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo. Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome; ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem. Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha, kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile. Wathi akuqonda kumthetheli-khulu lowo, wamnika uYosefu umzimba. Yena, ethenge ilinen entle, wamthula; wamsongela kuyo ilinen entle; wamlalisa engcwabeni elalixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba. Baye ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, bebona apho wayebekwe khona.
UMARKO 15:27-47 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [ Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.” ] Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise uhle emnqamlezweni!” Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. *UKrestu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kaloku emnqamlezweni, sibone, size sikholwe.” Kwanâbo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye babemenza isigculelo. Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini. Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”) Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.” Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.” UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo. Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi. Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.” Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi. Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem. Kuthe ke kwakuba kuhlwile, kwafika uJosefu waseArimati. Yena wayelilungu elibekekileyo *leBhunga, elulindele naye ulawulo lukaThixo. Ekubeni ke kwakuyimini yokulungiselela (oko kukuthi umhla ophambi *kowokuPhumla), yena waya kungena ngobuganga kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. Wamangaliswa ke uPilato akuva ukuba uYesu selefile, waza wabiza umphathi-butho wamajoni, wambuza ukuba uYesu selenexesha na efile. Wathi ke, akuqonda kumphathi-butho lowo, wamnika uJosefu umzimba kaYesu. UJosefu ke, ethenge ilinen, wamthula uYesu, wamsongela kuyo, wambeka engcwabeni elalixholwe eliweni, waqengqela ilitye, walivala ingcwaba. Babona ke ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYose apho wayebekwe khona uYesu.
UMARKO 15:27-47 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwaye kubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini; omnye ngasekunene kwakhe, nomnye ngasekhohlo kwakhe. Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wabalwa nabanxaxha. Bamnyelisa ke abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Yeha, wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu! Zisindise, uhle emnqamlezweni. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngabo kunye nababhali, besithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. uKristu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe. Baye nabo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye bemnyelisa. Ke kaloku, lakuba lilixa lesithandathu, kwehla ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwalilixa lesithoba. Ngelixa lesithoba wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi, Eloyi, lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na? Inxenye ke yababemi khona yakuva yathi, Niyabona, ubiza uEliya. Wagidima ke omnye, wazalisa imfunxa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza, esithi, Khaniyeke; Makhe sibone ukuba uEliya uza kumthula na. Wadanduluka ngelizwi elikhulu uYesu, wawunikela umoya wakhe. Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi. Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo. Kwakukho ke nabafazi, bekhangele bemgama; phakathi kwabo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome; ababesithi, oko ebeseGalili, bamlandele, bamlungiselele; kwanabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem. Ke kaloku, kwakuhlwa, ngokuba kwakuyimini yokulungiselela, oko kukuthi, umhla ongaphambi kwesabatha, kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile. Ekwazile ke kumthetheli-khulu, wawunikela uYosefu umzimba. Yena, ethenge ilinen ecikizekileyo, wamthula, wamsongela kwilinen entle; wamlalisa engcwabeni elixholwe eweni; waqengqela ilitye emnyango wengcwaba. Babona ke ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYose, apho wayebekwe khona.
UMARKO 15:27-47 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kukuruseshwa ndawonye naye amabada amabini, elinye ngasekunene, nelinye ngasekohlo kuye. Saza sazaliseka isiba̔lo esiti: Wabalwa nabagqita umteto. Baza abo babedlula bamgxeka, behlunguzela intloko zabo, besiti nokuti: He ke! wena uyici̔tayo itempile, ubuye uyake pakati kwentsuku ntatu, zisindise, uze uhle ekuruseni! Kwa njalo ke nabaperisite abakulu, behleka pakati kwabo, kunye nababa̔li, bebesiti: Abanye wabasindisa, yena ngokwake akangezisindise: u‐Kristu, ukumkani wo‐Sirayeli, makehle kaloku nje ekuruseni, size sibone sikolwe nokukolwa. Kanjako abo babekuruseshwa ndawonye naye bebemtuka. Kwati kwakufika iyure yesitandatu, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba. Waza ngeyure yesitoba wakala u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eloi! Eloi! lama sabaketani? okukuti ngokukunyushwa: Tixo wam! Tixo wam! undishiyele nina? Baye besiti inxenye yabemi kufupi, bakuva: Bona ke, uyabiza u‐Elija. Wagidima ke omnye, waya wazalisa ikepekepe ngeyasine, walifaka engcongolweni, wamseza, esiti: Yekani, masibone ukuba uyeza na u‐Elija ukuza kumtula. Wati ke u‐Yesu waku̔pa ilizwi elikulu, waqauka umpefumlo. Laza ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi. Kekaloku inkosikulu ebimi kufupi malungana naye, yakubona ukuba wadanduluka njalo waqauka umpefumlo, yati: Ngenyaniso umntu lo ebengunyana KATIXO. Kwaye kuko nabafazi bebonela bekude, owayeko pakati kwabo no‐Mariya wase‐Magadala, kwa no‐Mariya unina bo‐Yakobi omncinane no‐Jose, no‐Salome, (ababete kanjalo, okuya abese‐Galili, bamlandela, bamkonza nokumkonza,) nabanye abafazi abaninzi abebenyukele e‐Yerusaleme kunye naye. Kwati kwakuba kuse kuhlwile, ngenxa yokuba ibiyimini yokulungiselela, okukuti, yimini epambili kuyo isabata, kweza u‐Josefe, owase‐Arimateya, umpakati odumileyo, obelinda ubukumkani BUKATIXO naye, wakalipa wangena ku‐Pilati, wacela umzimba ka‐Yesu. Kekaloku u‐Pilati wati nqa ukuba usel’ efile; waza wabiza inkosikulu, wabuza kuyo ukuba kwasekumzuzu efile na. Wati akwazi ngenkosikulu, wampa u‐Josefe umzimba. Waza watenga iqiya eshiceneyo, wamtula, wamsongela kuloqiya eshiceneyo, wamlalisa encw̔abeni ebelimbiwe eweni, waliqengqa ilitye ngasemnyango wencw̔aba. Kekaloku u‐Mariya wase‐Magadala, no‐Mariya unina ka‐Jose, bebebonela apo wayebekelwa kona.