Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; Wathabatha uPetros noYakobi noYohane, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda na nelixa libe linye? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi. Uthe akubuya wabafumana bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona. Ubuye okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle. Kwanele, ilixa lifikile; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni. Vukani, sihambe; yabonani, lowo undingcatshayo usondele.