UMARKO 14:32-42
UMARKO 14:32-42 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha,• Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi. Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona. Afike okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle; kwanele; lifikile ilixa; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni. Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.
UMARKO 14:32-42 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.” Wahamba noPetros noYakobi noYohane, waza wangenwa luvalo, wadandatheka kakhulu, wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde.” Ehambele phambili umganyana ke, wawa emhlabeni, wathandazela ukuba loo ndebe ikrakra idlule kuye ukuba kunokwenzeka. Wayesithi ke: “Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.” Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Simon, ulele? Ubungenakulinda na okweli thutyana? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Umoya wona okunene unentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.” Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi. Wathi akubuya wabafumana belele, kuba babesoyiswa bubuthongo. Bona ke baxakwa kukumphendula. Wafika ke okwesithathu, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumla na? Kwanele! Lifikile ixesha! Ngoku *uNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni. Vukani, sihambe! Nanko lowo undinikelayo.”
UMARKO 14:32-42 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane. Athi kubafundi bakhe, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndithandaze; Wathabatha uPetros noYakobi noYohane, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo. Wayesithi, Abha, Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda na nelixa libe linye? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi. Uthe akubuya wabafumana bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona. Ubuye okwesithathu, athi kubo, Lalani ngoku niphumle. Kwanele, ilixa lifikile; yabonani, uNyana woMntu uyanikelwa ezandleni zaboni. Vukani, sihambe; yabonani, lowo undingcatshayo usondele.
UMARKO 14:32-42 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baye besiza entsimini egama liyi‐Getesemane; waza wati kubadisipile bake: Hlalani pantsi apa, ndide ndibe nditandazile. Waza watabata u‐Petrosi no‐Yakobi no‐Johane kunye naye, waqala ukubetwa livuso nokudandateka kakulu. Wayesiti kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde. Waza waya umganyana ngapambili, wawa pantsi emhlabeni, watandaza ukuba makuti, ukuba kungenzeka, kudlule kuye loyure. Wabesiti: Aba, Bawo! zonke izinto ziyenzeka kuwe; susa lendebe kum: kodwa makungabi ngokutanda kwam, makube ngokwako. Wayesiza ke wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Simone! ulele na? ubungelinde iyure ibe nye na? Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka. Wemka kanjako, waya watandaza, eteta wona lomazwi. Waza wabuya, wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima; bebengazi ukuba boti nina ukumpendula kanjalo. Wayesiza ngokwesitatu, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; kukolisekile; iyure ifikile: bona ke, unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zaboni: vukani, sihambe; nanku ondingcatshayo esel’ ekufupi.