Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 13:24-36

uMarko 13:24-36 CXB24

Ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo; Iinkwenkwezi zezulu ziya kuwa, athi namandla asezulwini azanyazanyiswe. Baya kumbona ke ngelo xesha uNyana woMntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. Uya kuzithuma ngelo xesha izithunywa zakhe, abahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathele esiphelweni somhlaba, kuse esiphelweni sezulu. Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona ezo zinto zisihla, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula. Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa ezisemazulwini, akazi noNyana lo, kuphela nguYise. Lumkani, hlalani nilindile, nithandaze; ngokuba anilazi ukuba linini na ixesha elo; njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde. Phaphani ngoko, ngokuba ningakwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa; hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.