“Ngaloo mihla, emva kwayo loo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ingakhanyi, zithi neenkwenkwezi zivuthuluke ezulwini, nako konke okunamandla esibhakabhakeni kudunga-dungeke. Baya kumbona ke ngelo xesha *uNyana woLuntu esiza esemafini, enamandla amakhulu nobuqaqawuli. Ngelo xesha uya kuthuma izithunywa zezulu zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, bevela kumacala omane omhlaba, kususela esiphelweni sehlabathi kuse esiphelweni sezulu.”
“Fundani kuwo umkhiwane ongumzekelo kuni. Xa sewuthe wathamba amasebe, wahluma amagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufuphi. Ngokukwanjalo ke, xa nithe nazibona ezo zinto zisenzeka, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. Ndithi kuni, inene, esi sizukulwana asiyi kudlula, zingadanga zenzeke zonke ezi zinto. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
“Ke akukho bani uwaziyo loo mhla nelo xesha. Nezithunywa ezisezulwini azazi, engazi naye uNyana lo. Kuphela nguYise owaziyo. Lumkani ke ningozeli, kuba anazi ukuba lofika nini na ixesha elo. Kufana nomntu ohambeleyo eshiya indlu yakhe, aze azinike igunya izicaka zakhe, enika umsebenzi isicaka ngasinye, amyalele umgcinisango ukuba alinde. Lindani ke, kuba ningâzi ukuba wofika nini na umninindlu. Kaloku angafika nanini na: nokuba kungolwemivundla, nokuba kusezinzulwini zobusuku, nokuba kungeenkuku zokuqala, nokuba kuxa kumpondo zankomo. Lindani ke, hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.