Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 11:20-33

uMarko 11:20-33 CXB24

Kwakusa, xa babedlula, bawubona umkhiwane womile ukususela ezingcanjini. Ekhumbule uPetros, wathi kuye, Rabhi, khangela, umkhiwane owuqalekisileyo womile. Uphendule ke uYesu wathi kubo, Yibani nokholo kuThixo. Inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle; engathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka; woba nako oko akuthethayo. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo. Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu. Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu. Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon’ ukuba uyahamba etempileni, kufike kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu; bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Ngubani na okunike eli gunya lokwenza ezi zinto? Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? ndiphendule. Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini; Wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; baye besoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene. Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Waphendula uYesu wathi kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.