Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 11:12-25

uMarko 11:12-25 CXB24

Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba. Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo. Akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingekafiki ixesha lamakhiwane. Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Beva abafundi bakhe. Bakufika eJerusalem, waza uYesu wangena endlwini kaThixo, wabakhupha ababethengisa nababethenga endlwini kaThixo, wazibhukuqa neetafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe. Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya. Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange. Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe. Kwathi kwakuhlwa, waphuma waya ngaphandle komzi. Kwakusa, xa babedlula, bawubona umkhiwane womile ukususela ezingcanjini. Ekhumbule uPetros, wathi kuye, Rabhi, khangela, umkhiwane owuqalekisileyo womile. Uphendule ke uYesu wathi kubo, Yibani nokholo kuThixo. Inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle; engathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka; woba nako oko akuthethayo. Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo. Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu.