Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 11:1-19

uMarko 11:1-19 CXB24

Ke kaloku, bakusondela eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, eNtabeni yemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; mkhululeni nize naye. Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? yithini iNkosi iyalifuna; wothi kwaoko alithumele apha. Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; bayamkhulula ke. Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole? Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babandulula. Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwakhe. Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni. Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi. Mabubongwe ubukumkani bukabawo wethu uDavide, obuzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni! uYesu wangena eJerusalem, waya endlwini kaThixo, waza wasingasinga izinto zonke, kwaza kwakuhlwa, waphuma waya eBhetani nabalishumi elinababini. Uthe ngengomso, bakubon’ ukuba baphumile eBhetani, walamba. Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo. Akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingekafiki ixesha lamakhiwane. Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Beva abafundi bakhe. Bakufika eJerusalem, waza uYesu wangena endlwini kaThixo, wabakhupha ababethengisa nababethenga endlwini kaThixo, wazibhukuqa neetafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe. Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya. Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange. Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe. Kwathi kwakuhlwa, waphuma waya ngaphandle komzi.