Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 10:17-22

uMarko 10:17-22 CXB24

Ephumile ke, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. Uphendule ke wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. Uthe ke uYesu, ondele kuye wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza, uwuthabathe umnqamlezo, uwulandele, mna. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.