UMARKO 10:17-22
UMARKO 10:17-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Akubon' ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndénze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela — nguThixo. Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.
UMARKO 10:17-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ephumile ke, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. Uphendule ke wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. Uthe ke uYesu, ondele kuye wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza, uwuthabathe umnqamlezo, uwulandele, mna. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.

UMARKO 10:17-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Xa wayephuma uYesu ehamba, umntu othile weza ebaleka, waguqa phambi kwakhe, wambuza esithi: “Mfundisi olungileyo, ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” UYesu ke wathi kuye: “Kutheni usithi ndilungile nje? Akukho mntu ulungileyo. Mnye kuphela olungileyo: nguThixo. Uyayazi le mithetho ithi: ‘Uze ungabulali; uze ungakrexezi; uze ungebi; uze ungangqini ubuxoki; uze ungaqhathi; beka uyihlo nonyoko.’ ” Waphendula yena wathi kuye: “Mfundisi, zonke ezo zinto ndazenza kwasebuncinaneni bam.” UYesu wathi akumondela, weva emthanda, wathi kuye: “Kukho nto inye uyisweleyo: hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, uyiphe amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.” Wadana akukuva oko, wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.
UMARKO 10:17-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ephumile ke, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. Uphendule ke wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. Uthe ke uYesu, ondele kuye wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza, uwuthabathe umnqamlezo, uwulandele, mna. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.
UMARKO 10:17-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku akupumela endleleni, kweza umntu otile ngokubaleka, waguqa pantsi kuye, wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kwenza nto nina ukuze ndidle ilifa lobomi obungunapakade? Wayesiti u‐Yesu kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o NGUTIXO. Imiyalelo uyayazi: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kulumkisa; beka uyihlo nonyoko. Wapendula wati kuye: Mfundisi! ezizinto zonke ndizibambile kwa sebutsheni bam. Waza u‐Yesu emkangele wamtanda, wati kuye: Inye into uyisweleyo: hamba, uye utengise ngako konke onako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, yipate ikuruse, ulandele mna. Kodwa wati kunubembe ngelozwi, wemka elusizi; ngokuba ebe enazo imfuyo ezininzi.