Kekaloku akupumela endleleni, kweza umntu otile ngokubaleka, waguqa pantsi kuye, wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kwenza nto nina ukuze ndidle ilifa lobomi obungunapakade? Wayesiti u‐Yesu kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o NGUTIXO. Imiyalelo uyayazi: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; akuyi kulumkisa; beka uyihlo nonyoko. Wapendula wati kuye: Mfundisi! ezizinto zonke ndizibambile kwa sebutsheni bam. Waza u‐Yesu emkangele wamtanda, wati kuye: Inye into uyisweleyo: hamba, uye utengise ngako konke onako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, yipate ikuruse, ulandele mna. Kodwa wati kunubembe ngelozwi, wemka elusizi; ngokuba ebe enazo imfuyo ezininzi.
Funda Ivangeli ka‐Maraki 10
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Maraki 10:17-22
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos