Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. Ke mna ndithi kuni, maningaxhali nongendawo; kodwa othe wakubetha esidleleni sakho sokunene, mguqulele nesinye. Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka. Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini. Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva. Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba yena elenza ilanga lakhe liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nababuthi berhafu? Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenzi benjenjalo na nababuthi berhafu? Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.
Funda uMateyu 5
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uMateyu 5:38-48
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo