UMATEYU 5:38-48
UMATEYU 5:38-48 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso. Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka. Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini. Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva. Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Àbenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu? Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Àbenjenjalo yini na nababuthi berhafu? Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.
UMATEYU 5:38-48 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Nivile ukuba kwâthiwa: ‘Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo liphindezelwe ngezinyo.’ Ke mna ndithi kuni, musani ukuziphindezela kulowo unonayo. Othe wakuqhwaba kwisidlele sokunene, mguqulele nesinye. Nalowo ufuna ukukusa enkundleni, akuhluthe isambatho sangaphantsi, myekele nesokwaleka. Ukuba onegunya ukunyanzela ukuba uhambe ikhilomitha ibe nye, hamba neyesibini. Mphe lowo ucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungambandezi.” “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Mthande umhlobo wakho, uluthiye utshaba lwakho.’ Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo, ize nibe ngabantwana boYihlo osezulwini, yena ovelisa ilanga phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, anise nemvula phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. Xa nithe nathanda abo banithandayo nina, ninamvuzo mni ke? Kakade àbenzi kwaloo nto, yini na, nabaqokeleli-rhafu? Naxa nithi nibulise amawenu odwa, ningcono ngantoni na kunabanye abantu? Abenzi kwaloo nto, yini na, nabantu abangakholwayo? Njengoko uYihlo osezulwini anothando olugqibeleleyo, nani yibani ngabagqibeleleyo. ”
UMATEYU 5:38-48 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. Ke mna ndithi kuni, maningaxhali nongendawo; kodwa othe wakubetha esidleleni sakho sokunene, mguqulele nesinye. Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka. Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini. Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva. Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba yena elenza ilanga lakhe liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. Ukuba nithanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto na nababuthi berhafu? Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenzi benjenjalo na nababuthi berhafu? Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.
UMATEYU 5:38-48 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nivile ukuba kwatiwa: Iliso ngenxa yeliso, nezinyo ngenxa yezinyo. Mna kanti nditi kuni: Musani ukumelana nokohlakeleyo; kodwa Osukuba ekutywakaza esidleleni sako sokunene, mnikele esinye naso Kanjalo osukuba efuna ukukumema, nokuhluta isivato sako sapantsi, myekele nengubo. Nosukuba ekunyanzela uye imeyile ibe nye, hamba naye zibe mbini. Yipa lowo ucelayo kuwe; nalowo ofuna ukuboleka kuwe, ungapambuki kuye. Nivile ukuba kwatiwa: Uya kutanda umhlobo wako, utiye utshaba lwako. Mna kanti nditi kuni: Tandani intshaba zenu, tamsanqelisani abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banitiyayo, nitandazele abo banipata kakubi nabanitshutshisayo; ukuze nibe lusapo LWOYIHLO osezulwini; ngokuba ilanga lake elipumisa pezu kwabakohlakeleyo nabalungileyo, nemvula eyinisa pezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. Ngokuba, xeshekweni nitanda abo banitandayo nina, niba nomvuzo omnina? abenzi into ekwa yiyo na nababuti beminikelo? Naxeshekweni nibulisa abazalwana benu bodwa, niyenza nto nina egqitiseleyo? abenje njalo na nababuti beminikelo? Ize nina ngoko nibe nifezekile: njengokuba UYIHLO osezulwini efezekile.