Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba. Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na? Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya. Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza. Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na. uYesu, ephinde wadanduluka ngelizwi elikhulu, wawukhupha umoya. Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi; Wanyikima umhlaba, namawa acandeka; Amangcwaba avuleka; yaza yavuka imizimba emininzi yabangcwele ababelele; baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi. Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo. Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babelandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela; ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi. Kwathi kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye. Yena lowo waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikwe umzimba. Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe. Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka. Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.