Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 27:45-61

UMATEYU 27:45-61 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba. Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na? Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya. Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza. Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na. Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe. Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka, namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka; baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi. Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo. Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela; ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi. Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye. Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba. Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe. Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka. Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.

UMATEYU 27:45-61 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kuthe ke, ukususela kwintsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini. Malunga nentsimbi yesithathu uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” (Oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”) Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Lo ubiza uEliya.” Wabaleka kwangoko omnye, wathatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu, wayincula ngoluthi, waza wambambela ukuba ayifunxe. Kodwa abanye bathi: “Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.” UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe. Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka, namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka, baza baphuma emangcwabeni emva kokuvuka kukaYesu ekufeni, bangena kuso isiXeko esiNgcwele, babonakala kubantu abaninzi. Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.” Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela. Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi. Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye. Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe. Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo, wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka. Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.

UMATEYU 27:45-61 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba. Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na? Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya. Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza. Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na. uYesu, ephinde wadanduluka ngelizwi elikhulu, wawukhupha umoya. Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi; Wanyikima umhlaba, namawa acandeka; Amangcwaba avuleka; yaza yavuka imizimba emininzi yabangcwele ababelele; baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi. Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo. Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babelandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela; ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi. Kwathi kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye. Yena lowo waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikwe umzimba. Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe. Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka. Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.

UMATEYU 27:45-61 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kwati kekaloku kweyesitandatu iyure yada yayiyure yesitoba, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe. Waza ngeyesitoba iyure wamemeza u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eli! Eli! lama sabaketani? oko kukuti: Tixo wam! Tixo wam! undishiyile nganina? Baye besiti inxenye yabemi kona, bakuva: Uyambiza u‐Elija lo. Waselesuka wagidima omnye wakubo, watabata ikepekepe, walizalisa ngeyasine, walifaka engcongolweni, wamseza ke. Koko abanye bebesiti: Yeka, masibone ukuba uyeza na u‐Elija ukuza kumsindisa. Wati ke u‐Yesu, akupinda ukudanduluka ngelizwi elikulu, waku̔pa umpefumlo. Laza bona ke, ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi; wati umhlaba wangcangcazela, namawa acandeka; aza amancw̔aba avulwa, yati imizimba emininzi yabangcwele ababelele yavuswa, yapuma emancw̔abeni, emveni kwokuvuka kwake, yangena esixekweni esingcwele, yabonakala kwabaninzi. Kekaloku inkosikulu nabo babenayo begcina u‐Yesu, bakubona isingcangcazelo somhlaba nezinto ezenzekileyo, boyika kakulu, besiti: Ngenyaniso ebengunyana KATIXO lo. Kwaye kuko kona nabafazi abaninzi bebonela bekude, abebelandele u‐Yesu evela e‐Galili, bemkonza; owayeko pakati kwabo u‐Mariya wase‐Magadala, kwa no‐Mariya unina bo‐Yakobi no‐Jose, nonina bonyana baka‐Zebedi. Kwati ke kwakuhlwa, kweza umntu osityebi wase‐Arimateya ogama lingu‐Josefe, obengumdisipile ka‐Yesu naye: weza lowo ku‐Pilati, wacela umzimba ka‐Yesu. Wandula u‐Pilati waxela ukuba kunikelwe umzimba. Waza u‐Josefe watabata umzimba, wawusongela eqiyeni eshiceneyo emhlope, wawubeka kwelake incw̔aba elitsha, abelimbile eweni apo; waza waliqengqa ilitye elikulu ngasemnyango wencw̔aba, wemka ke. Baye beko kona u‐Mariya wase‐Magadala, nomnye u‐Mariya, behleli pantsi malungana nencw̔aba.