Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
Funda uMateyu 26
Share
Compare All Versions: uMateyu 26:6-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos