UMATEYU 26:6-13
UMATEYU 26:6-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam. Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
UMATEYU 26:6-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso. Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka? Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.” UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle. Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam. Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
UMATEYU 26:6-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
UMATEYU 26:6-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, kweza kuye umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi axabiso likulu, wawagalela pezu kwentloko yake xa abehleli ekutyeni. Koko abadisipile bake, bakubona oko, baqumba kunene, besiti: Okukuci̔takala kokwento nina? ngokuba kunge kutengiwe into eninzi ngalamafuta mnandi, kwaza kwapiwa amahlwempu. Wazi kodwa u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nimkataze umfazi? ngokuba umsebenzi olungileyo ewenzile kum. Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanti aninam futi. Ngokuba lo ewagalele nje amafuta mnandi la emzimbeni wam, wenzela ukuncw̔atywa kwam. Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.