Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini. Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha. Bakuba buhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim, yini na, Nkosi? Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha. uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. Waphendula ke uYuda, lowo umngcatshayo, wathi, Ingaba ndim, yini na, Rabhi? Wathi ke yena kuye, Uselutshilo nawe. Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono. Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo. Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma. Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi. Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili. Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna. Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke abafundi. Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane, athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya. Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha, nilinde nam. Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho. Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye? Phaphani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile. Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho. Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo. Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi. Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni. Vukani, sihambe; yabonani, usesondele lowo undingcatshayo. Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu. Ke kaloku lowo umngcatshayo wayebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye; Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Vuya, Rabhi; wamanga. Athi uYesu kuye, Wethu, yini na ukuba uze? Beza ngoko, bamsa izandla uYesu, bambamba. Waza omnye wabo babenoYesu wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe. Waza wathi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele. Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini? Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?