Kwakuhlwa ke, uYesu waya kuhlala etafileni, enabafundi bakhe abalishumi elinambini. Xa babesitya, uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni uya kundingcatsha.”
Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na, Nkosi?”
Wabaphendula wathi: “Lowo usithi nkxu esityeni isonka kunye nam, nguye oya kundingcatsha. Okunene yena *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele loo mntu ukuba ebengazalwanga.”
Waphendula uJudas, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: “Ngaba iya kuba ndim na, Mfundisi?”
UYesu wathi: “Nawe utsho.”
Xa babesitya uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika abafundi bakhe, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”
Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, wathi: “Selani kuyo nonke; kuba ligazi lam eli elisisiqinisekiso somnqophiso, eliphalazelwa abaninzi, ukuze baxolelwe izono. Ndithi kuni, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yeediliya, kude kube yiloo mini ndiyisela kunye nani iyentsha kwikomkhulu likaBawo. ”
Bakuba becule indumiso, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
Ngelo xesha uYesu wathi kubo: “Ngobu busuku nonke niya kukhubeka ngenxa yam, kuba *iziBhalo zithi: ‘Ndiya kubulala umalusi, zichithakale iigusha.’ Xa ke ndithe ndavuswa ekufeni, ndiya kunandulela, ndiye kwelaseGalili.”
Waphendula uPetros, wathi kuye: “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna andingekhe!”
UYesu ke wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, kwangobu busuku, ingekakhali inkuku, uya kundikhanyela kathathu.”
UPetros wathi kuye: “Nokuba ndingade ndibe ndiza kufa kunye nawe, andingekhe ndikukhanyele!” Batsho bonke ke abafundi.
Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.” Wahamba noPetros noonyana ababini bakaZebhedi, waza waba buhlungu, wadandatheka, wathi kubo: “Intliziyo yam ibuhlungu ukufa, iligazi. Hlalani apha nilinde kunye nam.”
Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”
Wafika ke, wabafumana abo bafundi belele, wathi kuPetros: “Ubungenakulinda na nokweli thutyana? Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”
Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.” Kwathi, akubuya kwakhona, wabafumana abo bafundi belele, kuba babesoyiswa bubuthongo.
Wabashiya kwakhona uYesu, waya kuthandaza okwesithathu kwangaloo mazwi. Wabuya waya kwabo bafundi, wathi kubo: “Nisalele? Nisaphumle na? Niyabona, lifikile ixesha! *UNyana woLuntu unikelwa ezandleni zaboni. Vukani sihambe. Nanko; ufikile lowo undinikelayo.”
Kwathi, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nakumadoda amakhulu. Ke kaloku umngcatshi lowo wayevumelene nabo ngomqondiso, esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni.”
UJudas ke waya kuYesu kwangoko, wathi: “Aa, Mfundisi!” Wamanga.
Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”
Basondela ke, bambamba uYesu. Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe. Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele. Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini? Bezinokuthini ke ngoko *iziBhalo ukungazaliseki, zona zithi kumele ukuba kube nje?”