Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Bahlanganisana ngoko ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa. Babhunga ukuba bambambe uYesu ngobuqhophololo, bambulale. Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge phakathi kwabantu. Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, Wathi kubo, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Banqophisana naye ngamaqhosha esilivere amashumi mathathu. Waza kwalapho wafuna ithuba elimlungeleyo lokuze amnikele kubo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam. Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako; bayilungisa ke ipasika.