Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 26:1-19

UMATEYU 26:1-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,• aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa; babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale. Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu. Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam. Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu. Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam. Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.

UMATEYU 26:1-19 IBHAYIBHILE (XHO96)

Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe: “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.” Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu. Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.” Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso. Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka? Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.” UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle. Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam. Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.” Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko, wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva. Ukususela ngoko uJudas wazungula ukufumana ithuba lokumbambisa uYesu. Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na *iPasika?” Waza wathi: “Hambani niye esixekweni kumntu othile, nithi kuye: ‘UMfundisi uthi: Ixesha lam lisondele. Mna nabafundi bam siya kuyityela kwakho iPasika.’ ” Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako, bayilungiselela iPasika.

UMATEYU 26:1-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe, Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni. Bahlanganisana ngoko ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa. Babhunga ukuba bambambe uYesu ngobuqhophololo, bambulale. Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge phakathi kwabantu. Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni. Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho? Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu. Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam. Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu, Wathi kubo, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Banqophisana naye ngamaqhosha esilivere amashumi mathathu. Waza kwalapho wafuna ithuba elimlungeleyo lokuze amnikele kubo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika? Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam. Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako; bayilungisa ke ipasika.

UMATEYU 26:1-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAYE kute, okuya abezigqibile u‐Yesu zonke iziteto ezi, wati kubadisipile bake: Niyazi ukuba kuti emveni kwentsuku mbini kubeko ipasika; waye unyana wesintu eya kunikelwa ukuba akuruseshwe. Bandula bahlanganisana abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala babantu, endlwini yomperisite omkulu o‐kutiwa ngu‐Kayafasi, bacebisana ukuba bambambe u‐Yesu ngenkohliso, bambuiale. Bebesiti kodwa: Makungabi semtendelekweni, ukuze kungenziwa isipitipiti pakati kwabantu. Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, kweza kuye umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi axabiso likulu, wawagalela pezu kwentloko yake xa abehleli ekutyeni. Koko abadisipile bake, bakubona oko, baqumba kunene, besiti: Okukuci̔takala kokwento nina? ngokuba kunge kutengiwe into eninzi ngalamafuta mnandi, kwaza kwapiwa amahlwempu. Wazi kodwa u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nimkataze umfazi? ngokuba umsebenzi olungileyo ewenzile kum. Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanti aninam futi. Ngokuba lo ewagalele nje amafuta mnandi la emzimbeni wam, wenzela ukuncw̔atywa kwam. Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake. Wandula wahamba owabalishumi linababini, o‐kutiwa ngu‐Jude Sikariyoti, waya kubaperisite abakulu, wati: Nivuma ukundinika nto nina? ndandiya kumnikela kuni. Baza bamlinganisela amaqosha esilivere angamashumi matatu. Wabesiti ke emveni kwoko wafuna ituba lokuba amngcatshe. Kekaloku ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abadisipile ku‐Yesu, besiti kuye: Utanda ukuba sikulungisele pina kutyiwe ipasika? Wayesiti: Yiyani esixekweni kumntu otile, niti kuye: Uti umfundisi: Ixesha lam likufupi; ipasika ndiya kuyenza kuwe kunye nabadisipile bam. Baza benza abadisipile njengokuba ebebayalele u‐Yesu, bayilungisa ipasika.