Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 26:1-19

UMATEWU 26:1-19 XHO96

Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe: “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.” Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu. Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.” Kwathi uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo eneqhaga lelitye lelabhastile, linesiqholo esixabiso likhulu kunene. Kwathi, uYesu esetafileni, le ntokazi yamgalela entloko ngesiqholo eso. Bekubona oku, abafundi bakaYesu bakhathazeka, bathi: “Bekutheni ukuze kwenziwe le nkcitho ingaka? Esi siqholo ngesithengiswe ngemali eninzi, kwaphiwa amahlwempu.” UYesu, ekwazi abakuthethayo, wathi kubo: “Niyikhathazelani na le ntokazi? Indenzele into entle. Kaloku amahlwempu nisoloko ninawo; ke mna anisoloko ninam. Le ntokazi ithe ngokwenjenje yawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.” Ngelo xesha uJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, waya kubabingeleli abaziintloko, wathi: “Nondinika ntoni na ukuba ndithe uYesu ndamnikela kuni?” Ke bamnika amaqhosha amashumi mathathu emali yesiliva. Ukususela ngoko uJudas wazungula ukufumana ithuba lokumbambisa uYesu. Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, abafundi bakaYesu beza kuye, bathi: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na *iPasika?” Waza wathi: “Hambani niye esixekweni kumntu othile, nithi kuye: ‘UMfundisi uthi: Ixesha lam lisondele. Mna nabafundi bam siya kuyityela kwakho iPasika.’ ” Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako, bayilungiselela iPasika.