Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu? Waza uYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu. Kanti othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna; Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, antywiliselwe enzulwini yolwandle. Yeha ihlabathi ngenxa yezikhubekiso! Kuba kumele ukuba zifike izikhubekiso; yeha ke loo mntu siza ngaye isikhubekiso! Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho luya kukhubekisa, lunqumle, ululahle kude; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, linyothule, ulilahle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; Kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.