UMATEYU 18:1-10
UMATEYU 18:1-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu? UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengaló mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu. Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna. Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle. Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso! Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.

UMATEYU 18:1-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngelo xesha abafundi bakaYesu beza kuye, babuza besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo? ” UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo, wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo. Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana. Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.” “Othe wakhubekisa nokuba mnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzonzobileni yolwandle. Hayi ihlabathi ngezikhubekiso! Azinakungezi izinto ezibakhubekisayo abantu, kodwa hayi loo mntu kuza ngaye ukukhubeka! “Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luyakukhubekisa, lunqumle, ululahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala, kunokuba uthi, unezandla zozibini, okanye uneenyawo zombini, uphoswe emlilweni wangonaphakade. Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe, ulilahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.” “Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini. [
UMATEYU 18:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu? Waza uYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu. Kanti othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna; Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, antywiliselwe enzulwini yolwandle. Yeha ihlabathi ngenxa yezikhubekiso! Kuba kumele ukuba zifike izikhubekiso; yeha ke loo mntu siza ngaye isikhubekiso! Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho luya kukhubekisa, lunqumle, ululahle kude; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, linyothule, ulilahle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; Kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.
UMATEYU 18:1-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGELOXESHANA beza abadisipile ku‐Yesu, besiti: Ngubanina ke omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu? Waza u‐Yesu wabiza umntwana, wammisa pakati kwabo, watsho ukuti: Ngokwenene nditi kuni: Xeshekweni ningaguqulwanga naba njengabo abantwana, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu. Ngako osukuba ezitoba njengomntwana lo, nguye lowo omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu. Kanjalo osukuba esamkela umntwana onje emnye egameni lam, uyamkela mna: kodwa osukuba exakanisa omnye waba bancinane abakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lapezulu lokusila lixo̔nyelwe entanyeni yake, aze antywiliswe enzulwini yolwandle. Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye! Ukuba ngoko isandla sako umhlaumbi unyawo lwako luyakuxakanisa, zinqumle, uzilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, umhlaumbi usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umhlaumbi unenyawo mbini, uposwe emlilweni ongunapakade. Kanjalo ukuba iliso lako liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo. Lumkani ukuba ningadeli namnye waba bancinane; ngokuba ndisiti kuni, ingelosi zabo ezulwini zimana zibona ubuso BUKABAWO osezulwini.