NGELOXESHANA beza abadisipile ku‐Yesu, besiti: Ngubanina ke omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu? Waza u‐Yesu wabiza umntwana, wammisa pakati kwabo, watsho ukuti: Ngokwenene nditi kuni: Xeshekweni ningaguqulwanga naba njengabo abantwana, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu. Ngako osukuba ezitoba njengomntwana lo, nguye lowo omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu. Kanjalo osukuba esamkela umntwana onje emnye egameni lam, uyamkela mna: kodwa osukuba exakanisa omnye waba bancinane abakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lapezulu lokusila lixo̔nyelwe entanyeni yake, aze antywiliswe enzulwini yolwandle. Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye! Ukuba ngoko isandla sako umhlaumbi unyawo lwako luyakuxakanisa, zinqumle, uzilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, umhlaumbi usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umhlaumbi unenyawo mbini, uposwe emlilweni ongunapakade. Kanjalo ukuba iliso lako liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo. Lumkani ukuba ningadeli namnye waba bancinane; ngokuba ndisiti kuni, ingelosi zabo ezulwini zimana zibona ubuso BUKABAWO osezulwini.
Funda Ivangeli ka‐Mateyu 18
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Ivangeli ka‐Mateyu 18:1-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo