Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 17:1-13

uMateyu 17:1-13 CXB24

Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya. Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye. Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kwathi, esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena. Bakukuva oko abafundi, bawa ngobuso, boyika kakhulu. Waya ke uYesu, wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki. Bathe ke bakuwaphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Waphendula uYesu wathi kubo, Okunene uEliya uya kufika tanci, azimise zonke izinto. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo naye uNyana woMntu wova ubunzima ngabo. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.