Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 17:1-13

UMATEYU 17:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe wake, wabanyusela entabeni ende ngasese. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, bati ubuso bake bakazimla njengalo ilanga, nezivato zake zaba mhlope njengako ukukanya. Kekaloku bona ke, kwabonakala kubo u‐Mosesi no‐Elija beteta naye. Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; ukuba uyatanda, masenze apa amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. Nxa abesateta, bona ke, ilifu elikanyayo labasibekelela; kanjalo bona ke, ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye; mveni yena. Baza abadisipile bakuva oko bawa ngobuso babo, boyika kakulu. Waselesiza u‐Yesu wabacu̔kumisa, wati: Vukani, ize ningoyiki. Bati bakupakamisa amehlo abo, ababona mntu, kupela u‐Yesu yedwa. Kekaloku bakuhla entabeni, u‐Yesu wabayalela, esiti: Ningaxeleli mntu esisibonakalo, ade avuke unyana wesintu ekufeni. Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Yinina pofu ukuba ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? Wapendula u‐Yesu wati kubo: u‐Elija okunene uyeza tanci, waeya kubuya amise into zonke. Kodwa nditi kuni: u‐Elija usel’ ezile, baye bengamazanga ke, koko benza kuye konke bakwenzayo. Kwa njalo ke nonyana wesintu uza kuva intlungu kwa ngabo. Bandula baqonda abadisipile, ukuba watsho kubo ngaye u‐Johane umbapitizeshi.