UMATEYU 17:1-13
UMATEYU 17:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa. Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya. Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye. Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nâlo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye; mveni yena. Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu. Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki. Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, àbabona mntu, yanguYesu yedwa. Bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke uYesu, wathi kubo, Okunene kufika uEliya tanci, abuye azimise zonke izinto. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo uNyana woMntu uza kuva ubunzima ngabo. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
UMATEYU 17:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya. Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye. Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kwathi, esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena. Bakukuva oko abafundi, bawa ngobuso, boyika kakhulu. Waya ke uYesu, wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki. Bathe ke bakuwaphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Waphendula uYesu wathi kubo, Okunene uEliya uya kufika tanci, azimise zonke izinto. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo naye uNyana woMntu wova ubunzima ngabo. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.

UMATEYU 17:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Emva kweentsuku ezintandathu uYesu wathatha uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu wênziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe babengezela ngokwelanga, izambatho zakhe zaqaqamba njengokukhanya. Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu. Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!” Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.” Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto. Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.” Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.
UMATEYU 17:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya. Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye. Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kwathi, esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena. Bakukuva oko abafundi, bawa ngobuso, boyika kakhulu. Waya ke uYesu, wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki. Bathe ke bakuwaphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Waphendula uYesu wathi kubo, Okunene uEliya uya kufika tanci, azimise zonke izinto. Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo naye uNyana woMntu wova ubunzima ngabo. Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
UMATEYU 17:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe wake, wabanyusela entabeni ende ngasese. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, bati ubuso bake bakazimla njengalo ilanga, nezivato zake zaba mhlope njengako ukukanya. Kekaloku bona ke, kwabonakala kubo u‐Mosesi no‐Elija beteta naye. Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; ukuba uyatanda, masenze apa amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. Nxa abesateta, bona ke, ilifu elikanyayo labasibekelela; kanjalo bona ke, ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye; mveni yena. Baza abadisipile bakuva oko bawa ngobuso babo, boyika kakulu. Waselesiza u‐Yesu wabacu̔kumisa, wati: Vukani, ize ningoyiki. Bati bakupakamisa amehlo abo, ababona mntu, kupela u‐Yesu yedwa. Kekaloku bakuhla entabeni, u‐Yesu wabayalela, esiti: Ningaxeleli mntu esisibonakalo, ade avuke unyana wesintu ekufeni. Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Yinina pofu ukuba ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? Wapendula u‐Yesu wati kubo: u‐Elija okunene uyeza tanci, waeya kubuya amise into zonke. Kodwa nditi kuni: u‐Elija usel’ ezile, baye bengamazanga ke, koko benza kuye konke bakwenzayo. Kwa njalo ke nonyana wesintu uza kuva intlungu kwa ngabo. Bandula baqonda abadisipile, ukuba watsho kubo ngaye u‐Johane umbapitizeshi.