Ivangeli ka‐Mateyu 17

17
1WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe wake, wabanyusela entabeni ende ngasese. 2Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, bati ubuso bake bakazimla njengalo ilanga, nezivato zake zaba mhlope njengako ukukanya. 3Kekaloku bona ke, kwabonakala kubo u‐Mosesi no‐Elija beteta naye. 4Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; ukuba uyatanda, masenze apa amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. 5Nxa abesateta, bona ke, ilifu elikanyayo labasibekelela; kanjalo bona ke, ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye; mveni yena. 6Baza abadisipile bakuva oko bawa ngobuso babo, boyika kakulu. 7Waselesiza u‐Yesu wabacu̔kumisa, wati: Vukani, ize ningoyiki. 8Bati bakupakamisa amehlo abo, ababona mntu, kupela u‐Yesu yedwa.
9Kekaloku bakuhla entabeni, u‐Yesu wabayalela, esiti: Ningaxeleli mntu esisibonakalo, ade avuke unyana wesintu ekufeni. 10Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Yinina pofu ukuba ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? 11Wapendula u‐Yesu wati kubo: u‐Elija okunene uyeza tanci, waeya kubuya amise into zonke. 12Kodwa nditi kuni: u‐Elija usel’ ezile, baye bengamazanga ke, koko benza kuye konke bakwenzayo. Kwa njalo ke nonyana wesintu uza kuva intlungu kwa ngabo. 13Bandula baqonda abadisipile, ukuba watsho kubo ngaye u‐Johane umbapitizeshi.
14Kekaloku bakufika esihlweleni, kweza kuye umntu eguqa pantsi kuye, esiti nokuti: 15Nkosi! yiba netaṙu kunyana wam, ukuba enesatutwane, ebulalekile kakubi; ngokuba esiwa futi emlilweni, nafuti emanzini. 16Ndaza ndamzisa kubadisipile bako, bakohlwa ke ukumpilisa. 17Wapendula u‐Yesu wati: Sizukulwana esingakolwayo esigwenxa! ndobako nani kude kube ninina? ndoninyamezela kude kube ninina? mziseni kum apa. 18Waza u‐Yesu wayitetisa idemoni, eyapuma kuye; wati umfana wapiliswa kwa ngeloxeshana.
19Bandula abadisipile beza ku‐Yesu ngasese, bati: Kunganina ukuba besikohliwe kukuyiku̔pa tina? 20Wayesiti u‐Yesu kubo: Kungokungakolwa kwenu; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: xeshekweni ninokolo olungangokozo lwembewu yemositade, niya kutsho kulentaba ukuti: Suka apa uye paya: yaiya kusuka ke: kanjako akuko nto eya kunikohla. 21Kodwa oluhlobo luyapuma ngokutandaza nangokuzila ukutya kupela.
22Kekaloku bakuba bebesahamba e‐Galili, wati u‐Yesu kubo: Unyana wesintu uza kunikelwa ezandleni zabantu, 23abaya kumbulala, waeya kuvuswa ngomhla wesitatu. Baza baba lusizi kakulu.
24Bati bakufika e‐Kapenayume, beza abo bayamkelayo imali yetempile ku‐Petrosi, batsho ukuti: Umfundisi wenu akayinikeli na imali yetempile? 25Wati: Ewe. Kekaloku okuya ebengene endlwini, u‐Yesu wampangela, esiti: Uti nina wena, Simone? okumkani bomhlaba bamkela kubapina iminikelo nencamlo? kubo onyana babo, kubo abasemzini, kusinina? 26Wati u‐Petrosi kuye: Kubo abasemzini. Wati u‐Yesu kuye: Kukona onyana bakululekile. 27Kodwa ukuze singabadubuli, hamba uye elwandle, upose iqeṙu, uyibambe intlanzi enyuka tanci; wauya kuti wakuvula umlomo wayo, ufumane ishekele: leyo yitabate, unikele mna nawe kubo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena