Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. Bakumbona ke abafundi bakhe ehamba phezu kolwandle, bankwantya, besithi: “Ngumhlola; bakhala kukoyika. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. uPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. Wathi, Yiza. Wehla ke uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. Kodwa, ebona umoya unamandla, woyika; wathi eqala ukutshona, wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? Bakuba bengenile emkhombeni, wadamba umoya. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.