UMATEYU 14:25-33
UMATEYU 14:25-33 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthe ke ngowesiné umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika. UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? Bakungena emkhombeni, wadamba umoya. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.
UMATEYU 14:25-33 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi ke, kungekasi, uYesu weza kubo, ehamba phezu kwamanzi olwandle. Abafundi bakumbona ehamba phezu kwamanzi, bankwantya, bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala kukoyika. Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.” Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.” UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu. Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!” Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?” Bakhwela ke esikhitshaneni, wadamba umoya; baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.”
UMATEYU 14:25-33 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. Bakumbona ke abafundi bakhe ehamba phezu kolwandle, bankwantya, besithi: “Ngumhlola; bakhala kukoyika. Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. uPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. Wathi, Yiza. Wehla ke uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. Kodwa, ebona umoya unamandla, woyika; wathi eqala ukutshona, wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? Bakuba bengenile emkhombeni, wadamba umoya. Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.
UMATEYU 14:25-33 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku kwelesine ivaṙasho lobusuku, wemka waya kubo u‐Yesu, ehamba pezu kwolwandle. Bati abadisipile, bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baxaliswa, besiti: ngumshologu! bakala kukwoyika ke. Wasuka wateta kubo u‐Yesu, esiti: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika. Waza u‐Petrosi wapendula kuye wati: Nkosi! ukuba nguwe, xela ukuba ndize kuwe pezu kwamanzi. Wayesiti: Yiza. Waza wehla u‐Petrosi enqanaweni, wahamba pezu kwamanzi, ukuya ku‐Yesu. Kodwa ebona umoya unamandla woyika; wati esel’ eqala ukuntywila wakala, esiti: Nkosi, ndisindise! Wasuka wolula isandla u‐Yesu, wambamba, wati kuye: Wena ukolo luncinane! wabutandabuza nganina? Kwaza kwati, bakungena enqanaweni, wadamba umoya. Bandula abo basenqanaweni beza bambedesha, besiti: Ngenyaniso ungunyana KATIXO.