Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 14:1-12

uMateyu 14:1-12 CXB24

Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu, wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi; uvukile kwabafileyo; kungoko kubonakala kuye imisebenzi yamandla. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. Uthe ke eza kumbulala, woyika abantu, ngokuba babesithi ungumprofeti. Kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa, yamkholisa uHerode. Ekubeni wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Waba buhlungu ukumkani, kodwa, ngenxa yesifungo, nangenxa yabo babehleli naye esithebeni, wathi mayinikwe. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. Beza abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.