Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waluva udaba lukaYesu, wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode. Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe. Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.
Funda UMATEYU 14
Share
Compare All Versions: UMATEYU 14:1-12
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu
Home
Bible
Plans
Videos