Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? luvela phi na ke umdiza? Wathi kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? Uthe ke yena, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe. Olona luncinane kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo. Wathetha omnye umzekeliso kubo; Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; Ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam; Ndiya kuthetha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi. Waza uYesu wazindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; Umdiza ke ngoonyana bongendawo; Utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo; kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli hlabathi. uNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; zibaphose ezikweni elivutha umlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu wabufihla; athi ke umntu akuyifumana, ayifihle, aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa zonke iintlobo zeentlobo zazo. Ekuthe wazala, bawurholela elunxwemeni, bahlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa; zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. Wathi kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.