Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 13:24-52

UMATEYU 13:24-52 IBHAYIBHILE (XHO96)

Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe. Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula. Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’ Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’ Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa. Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ” Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokhozo lwembewu yemostade, athe ubani waluthatha, waluhlwayela entsimini yakhe. Ukhozo lwemostade lolona luncinane kunazo zonke iintlobo zembewu, kanti lwakukhula luba lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu kangangokuba neentaka zifike, zakhele emasebeni awo.” UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.” Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso. Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi: “Ndiya kuthetha ngemizekeliso, ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.” Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.” Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho, zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka. Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.” “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.” “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomrhwebi ohamba efuna *iiperile ezintle, othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.” “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi; ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo, zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.” UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?” Baphendula bathi: “Ewe.” Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.”

UMATEYU 13:24-52 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza? Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Ùyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngenxa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe; lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo. Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni• zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi. (INdum. 78:2) Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo; utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile• ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. Wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.

UMATEYU 13:24-52 IBHAYIBHILE (XHO96)

Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa, nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yakhe. Kwathi ke, xa baleleyo abantu, kwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela ukhula phakathi kwengqolowa, lwemka. Yakudubula ke ingqolowa, iqala ukuba neenkozo, lwabonakala ukhula. Zaza izicaka zaya kumnini-mzi, zathi kuye: ‘Nkosi, ibingeyombewu ilungileyo na oyihlwayeleyo entsimini yakho? Ngaba luvela phi na ke ukhula?’ Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’ Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa. Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ” Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokhozo lwembewu yemostade, athe ubani waluthatha, waluhlwayela entsimini yakhe. Ukhozo lwemostade lolona luncinane kunazo zonke iintlobo zembewu, kanti lwakukhula luba lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu kangangokuba neentaka zifike, zakhele emasebeni awo.” UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.” Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso. Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi: “Ndiya kuthetha ngemizekeliso, ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.” Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.” Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho, zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka. Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.” “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.” “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomrhwebi ohamba efuna *iiperile ezintle, othi akubhaqa perile ithile ixabisekileyo, aye kuthengisa konke anako, ayithenge loo perile.” “Kananjalo ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomnatha owaphoswa elwandle, wabambisa iintlobo ngeentlobo zeentlanzi; ekuthe, wakuzala, watsalelwa elunxwemeni, kwahlalwa phantsi, ezilungileyo zaqokelelwa esityeni, ezimbi zalahlwa. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. Zophuma izithunywa zezulu, zibakhethe abakhohlakeleyo kwabalungileyo, zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.” UYesu wathi: “Ngaba nikuqondile na konke oku?” Baphendula bathi: “Ewe.” Waza wathi kubo: “Ke ngoko, umchazi-mthetho ngamnye othe waba ngumfundi wezolawulo lukaThixo, ufana nomninimzi onokukhupha izinto ezintsha kwanezindala kuvimba wakhe.”

UMATEYU 13:24-52 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? luvela phi na ke umdiza? Wathi kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? Uthe ke yena, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe. Olona luncinane kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo. Wathetha omnye umzekeliso kubo; Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; Ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam; Ndiya kuthetha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi. Waza uYesu wazindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; Umdiza ke ngoonyana bongendawo; Utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo; kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli hlabathi. uNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; zibaphose ezikweni elivutha umlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu wabufihla; athi ke umntu akuyifumana, ayifihle, aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga. Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa zonke iintlobo zeentlobo zazo. Ekuthe wazala, bawurholela elunxwemeni, bahlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa; zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. Wathi kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.

UMATEYU 13:24-52 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu elungileyo entsimini yake; koko, nxa bekulala abantu, kweza utshaba lwake lwahlwayela izizani kwa pakati kwayo inqolowa, lwemka ke. Kwaza kwati, okuya besihlumile isitombo, savelisa isiqa̔mo, kwandul’ ukubonakala izizani nazo. Zaye zisiza izicaka zomninindlu zati kuye: Nkosi! akwahlwayela imbewu elungileyo na entsimini yako? izuze pina pofu izizani? Waza wati kuzo: Ngumntu olutshaba okwenzileyo oku. Zati izicaka kuye: Uze utande na ukuba siye sizibute? Wati: Hai; hleze niti, nakuzibuta izizani, niyidonyule kunye nazo inqolowa: ziyekeni zombini zimile ndawonye kude kuvunwe; nangexesha lokuvuna ndiya kuti kubavuni: Zibuteni tanci izizani, nibope zona ngezitungu zitshiswe; kodwa inqolowa yinlanganiseleni esiseleni sam. Omnye umzekeliso wawubeka pambi kwabo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana nokozo lwembewu yemositade, owalutabatayo umntu, waluhlwayela entsimini yake: eti okunene leyombewu ibe ncinane kuzo zonke imbewu; iti kodwa nxa imilileyo, ibe nkulu kayo imifuno, ibe ngumti, zide zize intaka zezulu, zihlale emasebeni awo. Omnye umzekeliso wawuteta kubo, esiti: Ubukumkani bezulu bufana negwele, owalitabatayo umfazi, walifihlela ezilinganisweni zitatu zomgubo, wada wabiliswa wonke. Ezizinto zonke waziteta u‐Yesu ngemizekeliso kwizihlwele; wabengateti ke kuzo kungeko umzekeliso; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Ndiya kuvula umlomo wam ngemizekeliso; ndiya kuxela izinto ezifihliweyo kwa sekumisweni kwelizwe. Wati akuba ezindulule izihlwele, wandula wangena u‐Yesu endlwini. Kekaloku beza kuye abadisipile bake, besiti: Sityilele umzekeliso wezizani zentsimi. Waza wapendula wati kubo: Ohlwayela imbewu elungileyo ungunyana wesintu; intsimi ililizwe; imbewu elungileyo, eyona ilusapo lwobukumkani; izizani zilusapo lwokohlakeleyo; utshaba olwazihlwayelayo lungu‐Satane; ukuvuna kukugqityelwa kwelizwe elikoyo; abavuni bazingelosi. Njengokuba ke zibutwa izizani, zitshiswe ngomlilo, kwoba njalo ekugqityelweni kwelilizwe likoyo: unyana wesintu wotuma ingelosi zake, eziya kubuta ebukumkanini bake zonke izixakanisi, nabo bakwenza okungalungileyo, zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo. Oko abalungileyo baya kukanya njengelanga ebukumkanini BOYISE wabo. Onendlebe zokuva, makeve. Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nendyebo ifihlelwe entsimini, ati akuyifumana umntu, ayifihle, aze ngovuyo lwake aye atengise ngako konke anako, ayitenge leyontsimi. Kanjalo ubukumkani bezulu bufana nomtengi efuna iperule ezintle; owati akuyifumana iperule inye exabiso likulu, waya watengisa ngako konke abenako, wayitenga. Kanjalo ubukumkani bezulu bufana notambo oluposiweyo elwandle, lwahlanganisa kwintlobo zonke; olwati lwakuzaliswa, balur̔olela pezu kwonxweme, baza behleli pantsi ke ezilungileyo bazibutela ezityeni, kodwa ezibolileyo bazilahla. Kwoba njalo ekugqityelweni kwelizwe elikoyo: ziya kupuma ingelosi, zahlule abakohlakeleyo kwa kubo abalungileyo, zibapose esidlangalaleni somlilo; apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo. Wati u‐Yesu kubo: Niziqondile na zonke ezizinto? Bati kuye: Ewe, Nkosi! Waza wati kubo: Ngako oko bonke ababa̔li abafundiselwe ubukumkani bezulu bafana nomninindlu, owaku̔payo kwimbekelo yake into ezintsha nezindala.