Kwaza kwaziswa kuye umntu ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; Yamangaliswa isihlwele sonke, sathi, Lo asinguye na unyana kaDavide? Bakuva ke oko abaFarasi, bathi: “Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela ngoBhelezebhule umphathi weendimoni. Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza; nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayiyi kuma. Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe? Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo? andule ke ukuyiphanga indlu yakhe. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu. Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo. Wenzani umthi ube mhle, nesiqhamo sawo sibe sihle; okanye niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; ngokuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo. Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo. Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa. Baphendula ke abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, sifuna ukubona umqondiso. Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu; kwangokunjalo uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba. Amadoda aseNiniva aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha. Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani. Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo. Esathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye. Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe. Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Ngoobani bona abazalwana bam? Wasolula isandla sakhe kubafundi bakhe, wathi, Nanku uma nabazalwana bam. Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, nguye lowo ongumntakwethu, nodade wethu, noma.