uMateyu uMateyu 11
uMateyu 11
1Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo. 2Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe, 3Athi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na? 4Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo; 5Iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, namahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo. 6Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. 7Bakubon’ ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? 8Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo ezitofotofo basezindlwini zookumkani. 9Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Umprofeti? Ewe, ndithi kuni, nangaphezu komprofeti. 10Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. 11Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye. 12Kususela kwimihla kaYohane umbhaptizi, kude kube ngoku, ubukumkani bezulu buyagonyamelwa, bathi abagonyamelayo babuthimbe. 13Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane. 14Ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika. 15Lowo uneendlebe zokuva makeve. 16Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Bufana nabantwana abahleli kwiindawo zembutho, bebiza amadlelane abo; 17Sisithi, Sanigwalela, naza anangqungqa; senze isijwili kuni, anambambazela nina. 18Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon. 19uNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo. 20Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga; 21Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini. 22Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani. 23Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla. 24Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe. 25Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana; 26ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo. 27Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, nguYise yedwa; kanjalo akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela. 28Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. 29Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. 30Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 11: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.