Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; besithi, Siyeke; Yintoni na enathi nawe, Yesu waseNazarete? uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena ukuba ungubani; Lowo Ungcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Ithe ke idemon yamntlala esazulwini, yaphuma kuye, ingamenzakalisanga. Bakhwankqiswa ke bonke, bathetha bodwa, besithi, Lilizwi lini na eli? kuba ubathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume. Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe ngumkhuhlane omkhulu; bambongoza ngenxa yakhe. Wema phezu kwakhe, wawukhalimela umkhuhlane; Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela. Kuthe ke bakubon’ ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wabeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa. Zaye ke neendimoni ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu, uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; kuba bezimazi ukuba unguye uKristu. Kwakuba sekusile, waphuma waya endaweni eyintlango. Zaye zimfuna izihlwele, zeza kuye, zamnqanda ukuba angemki kuzo. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko. Wayevakalisa ke ezindlwini zesikhungu kwelaseGalili.