ULUKA 4:33-44

ULUKA 4:33-44 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga. Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume? Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla. Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye. Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela. Kuthe ke bakubon' ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazìsa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa. Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu,• uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu. Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko. Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.

ULUKA 4:33-44 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ke *endlwini yesikhungo apho kwakukho umntu ophethwe yindimoni. Yena ke wabhomboloza, ekhala esithi: “Kwowu! Ufuna ntoni kuthi, Yesu waseNazarete? Ngaba uze kusitshabalalisa? Ndiyakwazi ukuba ungubani na; ungoyiNgcwele kaThixo!” UYesu wayikhalimela loo ndimoni, esithi: “Yithi tu, uphume kuye!” Yasuka indimoni yamkhahlela phantsi phambi kwabo, yaza yaphuma ingamenzakalisanga. Bamangaliswa bonke abantu, babuzana besithi: “He bethu, mhlola mni lo? Lo mntu ukhalima nje ngelizwi, zitsho ziphume iindimoni!” Zatsho zaduma ke iindaba ngoYesu kuwo wonke loo mmandla. Waphuma ke uYesu *endlwini yesikhungo, waya kungena endlwini kaSimon. Ke umkhwekazi kaSimon wayephethwe yifiva ngamandla, baza ke baxelela uYesu ngaye. Yena waya kuma ngakuye, wayikhalimela ifiva, waza wachacha. Wavuka kwangoko ke, wabalungiselela ukutya. Kwathi ukutshona kwelanga, bonke abo babenabagula zizifo ngezifo babazisa kuYesu. Yena wababeka izandla bonke ngabanye, wabaphilisa. Neendimoni zaziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi: “Wena unguye uNyana kaThixo.” Wayezikhalimela iindimoni ezo, engazivumeli ukuba zithethe, kuba zazisazi ukuba yena unguye *uKrestu. Wasuka uYesu wemka waya endaweni engenabantu. Izihlwele zazimfuna, zathi zakumfumana, zazama ukuba angemki kuzo. Wathi kuzo: “Ndimelwe kukuba ndishumayele iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo nakwezinye iidolophu, kuba yinto endithunywe yona leyo.” Wayeshumayela ke *ezindlwini zesikhungo zelakwaJuda.

ULUKA 4:33-44 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kwaye kuko endlwini yentlanganiso umntu obenomoya wedemoni enco̔lileyo; waza wadanduluka ngelizwi elikulu, esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele KATIXO. Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye. Yaza idemoni yakuba ibimwisile pakati yapuma kuye, ingamenzanga nto. Bahlelwa kukuti nqa ke bonke, batetana omnye nomnye, besiti: Lelanina ilizwi eli, ukuba ebayalela omoya abanco̔lileyo ngegunya nangamandla, bapume ke? Lwaza lwapuma udumo ngaye lwaya kuzo zonke indawo zelizwe langakona. Wati esukile endlwini yentlanganiso, wangena endlwini ka‐Simone. Kekaloku umkwekazi ka‐Simone wabebanjwa licesine elikulu; baza bamtandaza ngaye. Waza wamongamela, watetisa icesine, lamyeka ke: waselesuka oko wabakonza. Kekaloku nxa ilanga belitshona, bati bonke abo babenabo ababesifa zizifo ngezifo, babazisa kuye; waza wabeka izandla zake pezu kwabo ngabanye ngabanye, wabapilisa. Kanjalo nedemoni zapuma kubaninzi, zidanduluka, zisiti nokuti: Wena unguye u‐Kristu, unyana KATIXO. Waza wati ezitetisa akazivumela ukuba zitete, ngokuba zibe zimazi ukuba unguye u‐Kristu. Kekaloku kwakuba kusile, wapuma waya endaweni elubala; zaza izihlwele zamfuna, zeza kwa kuye, zambambezela ukuba angemki kuzo. Koko wati kuzo: Ndifanele ukushumayela indaba ezilungileyo zobukumkani BUKATIXO nakwezinye izixeko; ngokuba nditunyelwe oku. Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zase‐Galili.