uLuka 19:29-48

uLuka 19:29-48 CXB24

Kwathi, akuba esondele eBhetefage naseBhetani, entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, esithi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane iesile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise apha. Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi kuye, Liyafuneka eNkosini. Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole? Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini. Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu. Akubon’ ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. Ke kaloku, akubon’ ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo; besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; Bathi kuye abathile bakubaFarisi esihlweleni apho, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho. Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la. Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! kungoku zifihliwe emehlweni akho. Kuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngothango, zikurhangqe, zikuxine ngeenxa zonke; zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi litye phezu kwelitye kuwe; ngokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho. Wayengena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga; esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange. Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu, nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa; Baye ke bengafumani nto banokuyenza, kuba bonke abantu babemlalele ngenyameko.