ULUKA 19:29-48

ULUKA 19:29-48 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nòthi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise. Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nòthi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini. Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole? Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini. Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu. Akubon' ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. Ke kaloku, akubon' ukuba selesondele ekuhlèni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonáyo; besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni. Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho. Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungáthi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la. Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho. Ngokuba ùya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho. Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga; esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenzé umqolomba wezihange. Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa. Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

ULUKA 19:29-48 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kwathi, akuba esondele eBhetefage naseBhetani, entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, esithi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane iesile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise apha. Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi kuye, Liyafuneka eNkosini. Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo. Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole? Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini. Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu. Akubon’ ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. Ke kaloku, akubon’ ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo; besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; Bathi kuye abathile bakubaFarisi esihlweleni apho, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho. Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la. Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! kungoku zifihliwe emehlweni akho. Kuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngothango, zikurhangqe, zikuxine ngeenxa zonke; zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi litye phezu kwelitye kuwe; ngokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho. Wayengena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga; esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange. Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu, nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa; Baye ke bengafumani nto banokuyenza, kuba bonke abantu babemlalele ngenyameko.

ULUKA 19:29-48 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, engasentabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wathuma ababini kubafundi bakhe, esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha. Ukuba ubani uthe kuni: ‘Niyikhululela ntoni loo donki?’ ze nithi: ‘Iyafunwa yiNkosi.’ ” Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafika kunjengoko wayetshilo uYesu. Bakuyikhulula inkonyana, abaniniyo bathi kubo: “Niyikhululela ntoni loo nkonyana?” Bathi ke bona: “Iyafunwa yiNkosi.” Bayisa ke kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo inkonyana yedonki leyo, bamkhwelisa kuyo uYesu. Ehamba njalo, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. Ke kaloku akusondela ethambekeni leNtaba yemiNquma, yathi yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo imemelela, imdumisa ngayo yonke imimangaliso eyayibonayo, isithi: “Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi! Uxolo ezulwini; udumo kweliphezulu!” Abathile *kubaFarasi esihlweleni apho bathi kuYesu: “Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho.” Waphendula wathi kubo: “Inene, kungáthi nje kukhe kwathi cwaka aba, kunkqangaze namatye la.” Akusondela uYesu, esibona isixeko, wasililela esithi: “Akwaba nawe, Jerusalem, ubuzazi namhlanje izinto ezikuzisela uxolo! Kodwa ngoku zifihlakele kuwe! Kuya kufika imihla eziya kuthi iintshaba zakho zakhe udonga lokuzikhusela ekukuhlaseleni kwazo, zikungqinge, zikuxine macala onke. Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.” UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abo babethengisa khona, esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange. ” Imihla ngemihla wayefundisa endlwini kaThixo apho. Ke ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, kwaneenkokheli zabantu, babefuna ukumbulala; kodwa ababanga nakufumana nto banokuyenza, kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

ULUKA 19:29-48 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAZA kwati, nxa wasondelayo e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni ebizwayo ngokuti yeyeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake, esiti: Hambani niye emzini omalungana nani; eniya kuti kuwo nakungena, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise. Nokuba umntu uyanibuza ngokuti: Kunganina ukuba nilikulule? notsho kuye ukuti: Inkosi iyalifuna. Bemka abo babetunyiwe, baya bafumana njengokuba ebetshilo kubo. Kekaloku nxa bebelikulula iqwaṙashana, bati abaninilo kubo: Yinina ukuba nilikulule iqwaṙashana? Bati bona: Inkosi iyalifuna. Baza balizisa ku‐Yesu, baposa ingubo zabo pezu kweqwaṙashana, bamkwelisa u‐Yesu. Kanjako ekuhambeni kwake, bebesandlala ingubo zabo ngapantsi endleleni. Kwati nxa ebesel’ esondela ngasetambekeni lentaba yeminquma, saqala sonke isihlwele sabadisipile ukuvuya, nokudumisa UTIXO ngelizwi elikulu, ngenxa yazo zonke izenzo zamandla ababezibonile, besiti: Makatanyusanqeliswe ukumkani ozayo egameni LIKAYEHOVA! Uxolo lube sezulwini, nobungcwalisa enyangweni yapezulu! Baza inxenye yabafarisi basesihlweleni bati kuye: Mfundisi! tetisa abadisipile bako. Waza wapendula wati kubo: Nditi kuni: Ukuba aba bati tu, amatye aya kudanduluka. Wati nxa ebesondele, wabona isixeko, wasililela, esiti: Akwaba ubute kwa wena, ewe kwa kuwo umhla wako lo, wazazi izinto eziyelela uxolo lwako! kodwa kaloku nje ziwafihlelwe amehlo ako. Ngokuba imihla iya kuza pezu kwako, nxa ziya kuti intshaba zako zibeke udonga ngento ekungqongayo, zikuṙaule, zikuvingcele ngamacala onke, zikuci̔tele emhlabeni, nosapo lwako pakati kwako; zaye zingayi kushiya pakati kwako elinye ilitye pezu kwelinye; ngenxa yokuba ubungalazanga ixesha lokunonelelwa kwako. Waza wangena etempileni, waqala ukugxota abo babetengisa kuyo, nababetenga, esiti kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iyindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada. Waye efundisa imihla ngemihla etempileni. Kodwa abaperisite abakulu nababa̔li bebefuna ukumbubisa, kwa nabakulu basebantwini; kanti bebengafumani into abangayenzayo; ngokuba abantu bonke bebesiti nama kuye ukupulapula.