KWAZA kwati, nxa wasondelayo e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni ebizwayo ngokuti yeyeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake, esiti: Hambani niye emzini omalungana nani; eniya kuti kuwo nakungena, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise. Nokuba umntu uyanibuza ngokuti: Kunganina ukuba nilikulule? notsho kuye ukuti: Inkosi iyalifuna. Bemka abo babetunyiwe, baya bafumana njengokuba ebetshilo kubo. Kekaloku nxa bebelikulula iqwaṙashana, bati abaninilo kubo: Yinina ukuba nilikulule iqwaṙashana? Bati bona: Inkosi iyalifuna. Baza balizisa ku‐Yesu, baposa ingubo zabo pezu kweqwaṙashana, bamkwelisa u‐Yesu. Kanjako ekuhambeni kwake, bebesandlala ingubo zabo ngapantsi endleleni. Kwati nxa ebesel’ esondela ngasetambekeni lentaba yeminquma, saqala sonke isihlwele sabadisipile ukuvuya, nokudumisa UTIXO ngelizwi elikulu, ngenxa yazo zonke izenzo zamandla ababezibonile, besiti: Makatanyusanqeliswe ukumkani ozayo egameni LIKAYEHOVA! Uxolo lube sezulwini, nobungcwalisa enyangweni yapezulu!
Baza inxenye yabafarisi basesihlweleni bati kuye: Mfundisi! tetisa abadisipile bako. Waza wapendula wati kubo: Nditi kuni: Ukuba aba bati tu, amatye aya kudanduluka.
Wati nxa ebesondele, wabona isixeko, wasililela, esiti: Akwaba ubute kwa wena, ewe kwa kuwo umhla wako lo, wazazi izinto eziyelela uxolo lwako! kodwa kaloku nje ziwafihlelwe amehlo ako. Ngokuba imihla iya kuza pezu kwako, nxa ziya kuti intshaba zako zibeke udonga ngento ekungqongayo, zikuṙaule, zikuvingcele ngamacala onke, zikuci̔tele emhlabeni, nosapo lwako pakati kwako; zaye zingayi kushiya pakati kwako elinye ilitye pezu kwelinye; ngenxa yokuba ubungalazanga ixesha lokunonelelwa kwako.
Waza wangena etempileni, waqala ukugxota abo babetengisa kuyo, nababetenga, esiti kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iyindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
Waye efundisa imihla ngemihla etempileni. Kodwa abaperisite abakulu nababa̔li bebefuna ukumbubisa, kwa nabakulu basebantwini; kanti bebengafumani into abangayenzayo; ngokuba abantu bonke bebesiti nama kuye ukupulapula.