Kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo. Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam. Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonayo baqale ukuhlekisa ngaye; besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba. Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka? Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo. Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam. Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Awuwulungele nomhlaba, awuwulungele nomgquba; kodwa abantu bayawukhupha. Lowo uneendlebe zokuva makeve.