ULUKA 14:25-35
ULUKA 14:25-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo, Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam. Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angàkhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon' ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye, besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba. Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka? Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo. Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam. Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
ULUKA 14:25-35 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakukho isihlwele sihamba noYesu, waza wajika wathi kuso: “Ukuba ubani uza kum, angancami uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabantakwabo, noodade wabo, ewe, kwanobakhe ubomi obu, akanakuba ngumfundi wam. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe andilandele, akanakuba ngumfundi wam. “Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Kungenjalo, kunokuthi selesenzile isiseko, angabi nako ukugqiba, baze bonke ababonelayo bahlekise ngaye, besithi: ‘Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa kukugqiba.’ “Kananjalo nguwuphi na ukumkani onokuthi esiya kuqubisana nomnye emfazweni, angàthi nqumama, abhunge kuqala ukuba unako na ukumelana notshaba olumkhawulelayo lungamashumi amabini amawaka lona, enashumi linye lamawaka amajoni kuphela nje yena? Ukuba ke akanako, uthi esekude omnye ukumkani, athumele izigidimi, acele imiqathango yoxolo. Ngokukwanjalo ke, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke izinto anazo, akanakuba ngumfundi wam.” “Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo noyithini na ukuyibuyisela isongo? Ayiwulungelanga umhlaba, ingawulungelanga nomgquba. Iyalahlwa. Oneendlebe zokuva makeve.”
ULUKA 14:25-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo. Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam. Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam. Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonayo baqale ukuhlekisa ngaye; besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba. Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka? Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo. Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam. Ityiwa ilungile, kodwa ukuba ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Awuwulungele nomhlaba, awuwulungele nomgquba; kodwa abantu bayawukhupha. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
ULUKA 14:25-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku izihlwele ezininzi zibe zimpeleka: waza wajika wati kuzo: Ukuba umntu uyeza kum, engatiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe nobake ubomi kanjako, akangebe nguye umdisipile wam. Nosukuba engatwali ikuruse yake, eze emva kwam, akangebe nguye umdisipile wam. Ngokuba nguwupina kuni, efuna ukwaka inqaba, ongati tanci ahlale pantsi, abale inani, ukuba unako na okwanele ukuyigqiba? hleze kekuti, akuba ebekile umsekelo wayo, ekohlwa kukufeza nje, bonke ababonelayo baqale ukumhleka, besiti: Lomntu waqala ukwaka, wakohlwa kukufeza ke. Kanjalo nguwupina ukumkani, esiya kungena ekulweni nomnye ukumkani, ongahlali pantsi tanci, afune icebo lokuba unamandla na okuti enamawaka alishumi ahlangane nalowo uzayo ngakuye enamawaka angamashumi mabini? Ukuba akangenje njalo, uti, nxa asekude yena, atume izitunywa acele indawo eziyelela uxolo. Kwa njalo ke owakuni osukuba engancami konke anako, akangebe nguye umdisipile wam. Ityuwa yinto elungileyo: kodwa xeshekweni ityuwa ingabi nasongo, iya kuvakaliswa nganina? ayilungele nomhlaba nemfumba yomgquba; iyalahlelwa pandle yona. Onendlebe zokuva, makeve.