Ivangeli ka‐Luke 14:25-35

Ivangeli ka‐Luke 14:25-35 XHO1902A

Kekaloku izihlwele ezininzi zibe zimpeleka: waza wajika wati kuzo: Ukuba umntu uyeza kum, engatiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe nobake ubomi kanjako, akangebe nguye umdisipile wam. Nosukuba engatwali ikuruse yake, eze emva kwam, akangebe nguye umdisipile wam. Ngokuba nguwupina kuni, efuna ukwaka inqaba, ongati tanci ahlale pantsi, abale inani, ukuba unako na okwanele ukuyigqiba? hleze kekuti, akuba ebekile umsekelo wayo, ekohlwa kukufeza nje, bonke ababonelayo baqale ukumhleka, besiti: Lomntu waqala ukwaka, wakohlwa kukufeza ke. Kanjalo nguwupina ukumkani, esiya kungena ekulweni nomnye ukumkani, ongahlali pantsi tanci, afune icebo lokuba unamandla na okuti enamawaka alishumi ahlangane nalowo uzayo ngakuye enamawaka angamashumi mabini? Ukuba akangenje njalo, uti, nxa asekude yena, atume izitunywa acele indawo eziyelela uxolo. Kwa njalo ke owakuni osukuba engancami konke anako, akangebe nguye umdisipile wam. Ityuwa yinto elungileyo: kodwa xeshekweni ityuwa ingabi nasongo, iya kuvakaliswa nganina? ayilungele nomhlaba nemfumba yomgquba; iyalahlelwa pandle yona. Onendlebe zokuva, makeve.