uLuka 13:1-21

uLuka 13:1-21 CXB24

Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo. Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo? Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem? Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Wathetha ke nalo mzekeliso; Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto. Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba uwuqobe umhlaba? Aphendule ke yena wathi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule. NgoMhla wokuPhumla wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu. Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo. Waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka, ngokuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi ebantwini, Mithandathu imihla ekufanele kusetyenzwa ngayo; yizani ke ngoko niphiliswe, kungabi ngesabatha usuku. Yamphendula ke ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuyiseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha? Akuba ezithethile ezi zinto, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye. Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? ndiya kulifanisa nantoni na? Bunjengokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; yahluma, yaba ngumthi omkhulu; zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo. Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.