ULUKA 13:1-21
ULUKA 13:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo. Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo? Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem? Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Wathetha ke nalo mzekeliso; Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto. Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba uwuqobe umhlaba? Aphendule ke yena wathi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule. NgoMhla wokuPhumla wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu. Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo. Waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka, ngokuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi ebantwini, Mithandathu imihla ekufanele kusetyenzwa ngayo; yizani ke ngoko niphiliswe, kungabi ngesabatha usuku. Yamphendula ke ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuyiseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha? Akuba ezithethile ezi zinto, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye. Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? ndiya kulifanisa nantoni na? Bunjengokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; yahluma, yaba ngumthi omkhulu; zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo. Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
ULUKA 13:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo. Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba evé ubunzima obunjalo? Ndithi kuni, Hayi; nòthi xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem? Ndithi kuni, Hayi; nòthi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. Wabethetha ke lo mzekeliso: Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto. Wathi ke kumsébenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba úde uphuthise nomhlaba. Aphendule ke yena athi kuye, Nkosi, wuyeke nangaló mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wòwuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wòbuya uwugawule. Ke kaloku wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu ngayo isabatha. Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho. Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo. Ke kaloku waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka kuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi kwizihlwele, Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo; yizani ngayo ngoko niphiliswe, kungabi ngawo umhla wesabatha. Yamphendula ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuliseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha? Akubon' ukuba uyazithetha ezo ndawo, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye. Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? Ndiya kubufanisa nantoni na? Bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; lwahluma lwaba ngumthi omkhulu, zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo. Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
ULUKA 13:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwangelo xesha ke kwabakho abathile abâmxeleláyo uYesu ngamaGalili, awathi esenzela uThixo amadini, abulawa nguPilato. Waphendula uYesu wathi kubo: “Niba loo maGalili ebengabôni ngaphezulu kwawo onke amanye amaGalili, kuba evé ubunzima obunjalo? Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke, notshabalala kwangokunjalo nonke. Khanitsho ke, bona abo balishumi elinesibhozo abawelwa yinqaba eSilowa bafa, niba babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu baseJerusalem? Nakanye! Inene, nani ukuba anithanga niguquke notshabalala kwangokunjalo nonke.” UYesu ke wabenzela lo mzekeliso: “Ubani wayenomkhiwane utyalwe esidiliyeni sakhe, weza efuna isiqhamo kuwo, waza akafumana nto. Wathi ke kosebenza esidiliyeni: ‘Uyabona, ndiminyaka mithathu ndisiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto. Wugawule! Yini na ukuba ude uphuthise nomhlaba lo?’ Waphendula yena wathi kuye: ‘Nkosi, khawuwuyeke nakulo mnyaka, ndikhe ndimbe ndiwujikeleze, ndigalele umgquba. Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, woseluwuyeka; kodwa ukuba akubanga njalo, wogawulwa.’ ” Ke kaloku ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wayefundisa *ndlwini yesikhungo ithile. Apho kwakukho umfazi owayenendimoni eyamgulisa iminyaka elishumi elinesibhozo. Wayegobile, engenako mpela ukuma nkqo. Akuba uYesu embonile, wambiza, wathi kuye: “Mfazi, ukhululekile ebulwelweni bakho.” Wambeka izandla, waza ke lo mfazi wema nkqo kwangoko, wabulela uThixo. Ke lona igosa lendlu yesikhungo, licaphukile kuba uYesu ephilise ngoMhla wokuPhumla, lathi kwisihlwele: “Mithandathu imihla ekufanele ukusetyenzwa ngayo. Yizani ngayo niphiliswe, kungabi ngawo uMhla wokuPhumla.” Yaphendula ke iNkosi, yathi: “Mamenemenendini, ngubani na kuni ongayikhululiyo ngoMhla woPhumlo emkhumbini wesitali inkomo yakhe, okanye idonki yakhe, ayirhole esiya kuyiseza? Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, owayebotshiwe le minyaka ilishumi elinesibhozo nguSathana, ubengamelwe kukukhululwa na kulo mabophe ngoMhla woPhumlo?” Akuba etshilo, basuka badana bonke ababechasene naye. Ke sona isihlwele sasivuya ngenxa yazo zonke izinto ezintle awayezenza. Ke uYesu wathi: “Lufana nantoni na ulawulo lukaThixo? Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na? Lufana nokhozo lwembewu yemostade, awaluthathayo umntu, waluhlwayela esitiyeni sakhe, lwaza lwakhula lwaba ngumthi, zathi iintaka zakha iindlwane zazo emasebeni awo.” UYesu waphinda wathi: “Ndingaluzekelisa ngamzekeliso mni na ulawulo lukaThixo? Lufana negwele, awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa yonke intlama.”
ULUKA 13:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWAYE kufika abatile kwa ngeloxesha abamtyelayo ngawo ama‐Galili, abete u‐Pilati walipitikeza igazi lawo ndawonye namadini awo. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Niba lama‐Galili ebengaboni ngapezu kwawo onke ama‐Galili na, ngokuba evile izinto ezinjalo? Nditi kuni: Nakanye; koko xeshekweni ningaguqukiyo, niya kububa nonke ngokunjalo. Nabo balishumi linesibozo, abebewelwe yinqaba e‐Siloha babulawa yiyo, niba aba bebezizoni ngapezu kwabo bonke abantu ababemi e‐Yerusaleme na? Nditi kuni: Nakanye; koko xeshekweni ningaguqukiyo, niya kububa nonke ngokunjalo. Wayeteta lomzekeliso: Umntu otile ebenomkiwane utyelwe esitiyeni sake; waza weza efuna iziqa̔mo kuwo, akazifumana ke. Wayesiti kumlimi wesitiya: Bona ke, yiminyaka mitatu endiza ndifuna iziqa̔mo kumkiwane lo, ndingazifumani ke; wugaule; yinina ukuba uwonakalise nomhlaba? Koko wapendula yena wati kuye: Nkosi! wuyeke nalonyaka, ndide ndibe ndihlakule ngakuwo, ndagalela nomgquba; nokuba uyahlanza iziqa̔mo ke — ; kodwa ukuba awenje njalo, woti kamva uwugaule. Kekaloku ebefundisa kwenye yezindlu zentlanganiso ngemini yesabata: kwaye kuko, bona ke, umfazi obenomoya wobulwelwe iminiyaka yalishumi linesibozo, owabegobile, wakohlwa kanye ukuzipakamisa. Wati u‐Yesu akumbona, wambiza, wati kuye: Mfazi! ukululwe ebulwelweni bako. Waza wabeka izandla pezu kwake; waselelungiswa kwa oko, wamdumisa UTIXO. Waza wapendula umpati wendlu yentlanganiso, equmbile kakulu ukuba u‐Yesu ebepilisile ngesabata, wati kwisihlwele: Kuko imihla emitandatu kufanele ukusebenza ngayo; yizani ngoko ngayo le nipiliswe, kungabi ngomhla wesabata. Yandula INKOSI yampendula, yati: Sihanahanisindini! akati na omnye ngomnye wakuni ngesabata akulule inkabi yake umhlaumbi iqwaṙashe lake esitaleni, ar̔ole aye kuseza? Lo kanti, eyintombi ka‐Abrahame nje, obebanjiwe ngu‐Satane, bona ke, iminyaka ilishumi linesibozo, bekungafanele na ukuba akululwe kulombambo ngomhla wesabata? Kekaloku akutsho, bebedaniswa bonke abalane bake; saye sonke isihlwele sivuya pezu kwazo zonke izinto ezibungcwalisa ezibe zisenzwa nguye. Wayesiti Ubukumkani BUKATIXO bufana nanto nina? kanjalo ndobufanisa nanto nina? Bufana nokozo lwembewu yemositade, owalutabatayo umntu, waluposa esitiyeni sake; lwamila ke, lwaba ngumti omkulu, zaza intaka zezulu zahlala emasebeni awo. Wayesiti kanjako: Ndobufanisa nanto nina ubukumkani BUKATIXO? Bufana negwele, owalitabatayo umfazi, walifihlela ezilinganisweni zitatu zomgubo, wada wabiliswa wonke.