Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 12:49-59

uLuka 12:49-59 CXB24

Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; Ndiya kuthini na, ukuba sele uphethiwe? Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; Asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke! Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi; ndisuke ndaweni-nye; Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana wakhe, umolokazana noninazala; Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kwaye kunjalo. Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; kwaba njalo. Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu nomhlaba; Yini na ke ukuba ningalicaluli nje eli xesha? Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa? Xa uya nommangaleli wakho kumantyi, nisendleleni, yithi nisendleleni, qiniseka ukuba uzihlangule kuye; hleze akurholele emgwebini, aze umgwebi akunikele epoliseni, aze igosa likuphose entolongweni. Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.