ULUKA 12:49-59
ULUKA 12:49-59 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ndizise umlilo ehlabathini; hayi ukunqwenela kwam ukunga ungewusewuvutha! Kukho lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; ke ndisezimbandezelweni ezinkulu lude lufezeke! Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano! Kuya kuthi, ukususela ngoku, kubekho abahlanu ndlwini-nye bengavani; abathathu bengavani nababini, nababini bengavani nabathathu; ibe yiyantlukwano phakathi koyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana no ninazala.” UYesu wathi kwisihlwele: “Xa nithe nabona ilifu livela entshonalanga nikhawuleza nithi: ‘Iza kuna;’ kuze kube njalo. Naxa kukho umoya ovela entlango, nithi: ‘Kuya kuba shushu;’ kuze kube njalo. Mamenemenendini, niyakwazi ukuyiqonda imo yezulu. Kungani na ke ukuba ningayicaluli yona le mihla?” “Kungani na ukuba nina ngokwenu ningenzi sigqibo ngoko kulungileyo? Xa usiya enkundleni unommangaleli wakho, yithi kwalapho endleleni uzame ukulungisana naye, hleze akurhuqele enkundleni, aze umgwebi akunikele kumsila, yena akuphose entolongweni. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”
ULUKA 12:49-59 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndize kuphosa umlilo ehlabathini; Ndiya kuthini na, ukuba sele uphethiwe? Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; Asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke! Niba ndize kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi; ndisuke ndaweni-nye; Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana wakhe, umolokazana noninazala; Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kwaye kunjalo. Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; kwaba njalo. Bahanahanisindini, niyakwazi ukubucalula ubuso bezulu nomhlaba; Yini na ke ukuba ningalicaluli nje eli xesha? Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa? Xa uya nommangaleli wakho kumantyi, nisendleleni, yithi nisendleleni, qiniseka ukuba uzihlangule kuye; hleze akurholele emgwebini, aze umgwebi akunikele epoliseni, aze igosa likuphose entolongweni. Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.
ULUKA 12:49-59 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndizé kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe! Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke. Niba ndizé kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi, kanye ndizé kungenisa imbambano. Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana noninazala. Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo. Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho. Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha? Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa? Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni. Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.

ULUKA 12:49-59 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndeza kutuma umlilo emhlabeni; ngendifuna nto nina ke, ukuba ubuse uvutile? Kodwa kuko ubapitizesho endifanele ukubapitizeshwa ngalo; ndibandezelwa kakulu kangakananina ke lude lufezwe! Niba ndavela ukunika uxolo emhlabeni na? Nditi kuni: Nakanye; kuya kubako ukupambana. Ngokuba emveni kwakaloku nje kuya kubako abahlanu endlwini nye bepambene, abatatu nababini, nababini nabatatu. Uyise uya kupambana nonyana, nonyana noyise; unina nentombi, nentombi nonina; unondoda nomolo kazana, nomolokazana nonondoda. Wabesiti nakwizihlwele: Xeshekweni nibona ilifu elitile linyuka entshonalanga, senisiti: Isipango siyeza; kuhle njalo ke. Naxeshekweni niva umoya wasesuyide uvutela, niti: Kwobako ubushushu; kuhle ke. Zihanahanisindini! ukubonakala kwomhlaba nokwezulu niyazi ukukunakana; kodwa ixesha eli kunganina ukuba ningalinakani? Ewe kanjalo yinina ukuba ningagwebi ngokwenu oko kulungileyo? Ngokuba xeshekweni uya nalowo ukumangeleleyo pambi kwenkosi, yiti endleleni uzamele ukukululwa kuye; hleze akur̔olele emgwebini, ati umgwebi akunikele kumsila, aze umsila akupose entolongweni. Nditi kuwe: Akusayi kuza upume kona, ude uhlaule nemalanyana yokugqibela.